Ulifumene uxolelo? Ndingalifumana njani uxolelo kuThixo?

Izenzo 13:38 ziyaxela, “Kengoko bazalwana bam, Ndifuna nazi ukuba ngenxa kaYesu uxolelo lwezono lwaziswa kuni.”

Yintoni uxolelo kwaye kutheni ndilifuna?

Igama elithi “uxolo” lithetha ukosula isileyiti , ukuxolela, ukucima ityala. Xa sone abanye abantu sifuna basixolele ukugcina ubuhlobo. Umntu akalunikwa uxolelo kuba efanelwe kukuxolelwa. Akukhomntu ofanelwe kukuxolelwa. Uxolelo sisenzo sothando, inceba, nofefe. Ukuxolela sisigqibo esithathwa xa ufuna ukungabinanqala komnye umntu,nokuba ukwenzentoni.

IBhayibhile iyasixelela ukuba sonke sifuna ukuxolelwa nguThixo. Sonke senze isono. INtsoumayeli 7:20 iyasixelela, “ Akukhomntu ulungileyo emhlabeni owenza okulungileyo kwaye ongazange enze sono.” UYohane wokuqala 1:8 uthi, “ Ukuba sithi asinasono sokuba siyaziqhatha ibe inyani ayikho kuthi .” Zonke izona zizenzo zokungcatsha uThixo (Indumiso 51:4). Kangangokuba sifuna uxolelo lukaThixo ngokungazenzisiyo. Ukuba izono zethu azixolelwa, siyakuhlala ngonaphakade sibulaleka yintlawulo yezono zethu (UMatEYU 25:46; UYohane 3:36).

Uxolelo – Ndilifumana njani?

Ndiyabulela, UThixo unothando nofefe –uzimisele ekuzixoleleni izono zethu! UPetrose wesibini 3:9 uyasixelela, “…Unenzondelelo ngawe, akafuni kutshabalale mntu,ufuna wonke umntu abenokuzisola.” UThixo unomqweno wokusixolela, kengoko ulilungiselele uxolelo lwethu.

Umvuzo wesono sethu kukufa . Isiqingatha sokuqala KwabaseRoma 6:23 siyasixelela, “Umvuzo wesono kukufa…” Ukufa ngonaphakade kuko esikufumanayo ngenxa yeezono zethu. UThixo kwicebo lakhe elililo waba ngumntu – onguYesu Kristu (UYohane 1:1,14). UYesu wafa emqamlezweni , efela ityala lethu elisifaneleyo – elikukufa. AbaseKorinte besibini 2 5:21 bayasifundisa, “UThixo wamenza ongenasono ukuba abenesono sethu, ukwenzela ukuba sibengamalungisa kaThixo.” UYesu wafa emqamlezweni ,ngokusithathela ityala lethu! NgokukaThixo, Ukufa kukaYesu kwasizisela uxolelo lwezono zethu ehlabathini liphela. UYohane wokuqala 2:2 uyasixelela, “Ungumhlawuleli wezono zethu,hayi kuphela ezethu zodwa koko izono zehlabathi liphela.” UYesu wavuka ekufeni, ememeza udumo lwakhe ekufeni nasezonweni (AbaseKorinte bokuqala 15:1-28). Makadunyiswe uThixo, ekufeni nasekuvukeni kuka Yesu Kristu.kwisiqingatha sesibini sabaseRoma 6:23, “…kodwa isipho sikaThixo singunaphakade ngenxa kaYesu Kristu iNkosi Yethu.”

Ufuna ukuxolelwa izono zakho? Unesazela esikuhluphayo esingafuni kusuka? Uxolelo lwezono zakho luyafumaneka ukuba uyamamkela uYesu Kristu njengomsindisi wakho. KwabaseEfese 1:7 bathi, “Kuye sinentlawulelo yegazi lakhe, uxolelo lwezono,kunye nobutyebi beenceba zakhe.” UYesu wasihlawulela amatyala ethu ukuze sixolelwe. Okufanele kukwenza kukucela uThixo akuxolele ngenxa kaYesu, kuba ukholelwa ekubeni uYesu wafela ukuhlawula amatyala ethu – kwaye uzakukuxolela! UYohane 3:16-17 uqulathe umyalezo omangalisayo, “Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi ude wancama unyana wakhe ekuphela kwamzeleyo ukwenzela ukuba nabani okholwayo kuye angatshabalali koko adle ubomi obungunaphakade. UThixo zange amthumele unyana wakhe ukuba makazokutshabalalisa ihlabathi wayezokulihlangula.â€

Uxolelo – ngaba lulula?

Ewe lulula! Awusoze ufumane xolelo kuThixo. Awunakuhlawulela uxolelo kuThixo. Kuphela ungalifumana, ngokholo, ngenxa yenceba nemfesane kaThixo. Ukuba ufuna ukwamkela uYesu Kristu njengomsindisi ze ufumane uxolelo kuThixo, nanku umthandazo onokuwuthandaza. Ukwenza lomthandazo nokuba ngowuphi umthandazo soze ukuhlangule. Kuphela kukuthembela kuYesu Kristu okunokukunika uxolelo lwezono. Lomthandazo yindlela elula yokubonisa uThixo ukuba uthembele kuye kwaye uyambulela ngokukunika uxolo

"Thixo ndiyayazi ukuba ndenze isono kuwe kwaye ndifanele kukohlwaywa. Kodwa UYesu Kristu wandithathela isohlwayo sam ngenxa yokholo lwam kuye. Ndibeka ithemba lam losindiso kuye. Ndiyabulela ngenceba yakho emangalisayo kunye noxolelo! Amen!"



AMAZING GRACE BIBLE INSTITUTE